3. Vuthelani ixilongo ukuthwasa kwenyanga,nasekuhlanganeni kwenyanga mhla ngetheko.
4. Kaloku lowo ngummiselo wakwaSirayeli,lisiko loThixo kaYakobi.
5. Walenza langummiselo kwaSirayeli,mhla wahlasela elamaJiputa.Ndiva ilizwi endingaliqondiyo, lisithi:
6. “Ndawothula umthwalo owawusemagxeni enu,zaxibilika iingobozi ezandleni.
7. Nakhala ngomhla wengxingongo, ndanihlangula;ndaniphendula ndingabonakali ndisezindudumeni;ndanivavanya emthonjeni waseMeribha.
8. “Ndathi sigqaleni isilumkiso sam, bantu bam;Sirayeli, akwaba ubuya kundiva!
9. Ze ningamnquli *uthixo wesinye isizwe;ongomnye eningamaziyo ze ningamnquli.