Iindumiso 79:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wugalele ezintlangeni umsindo wakho,kwabo bangakukhathalelanga wena,kwizikumkani ezingakunquliyo.

7. Kuba bamqwengile uYakobi,babhuqe bavuthulula konke.

8. Ungasixhibi ngenxa yezono zoobawo;nceda velana nathi kuba siphelelwe.

9. Khawuncede usisindise, Thixo wethu,ngenxa yesidima segama lakho.Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

10. Ngani ukuba iintlanga zide zithi:“Uphi lo Thixo wabo?”Liphindezele igazi lezicaka zakho;masikubone uzohlwaya iintlanga.

Iindumiso 79