Iindumiso 78:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Wamisela umthetho kwaYakobi,wanikela imimiselo kwaSirayeli;wabanqonqozisa ngayo oobawo,ukuze bafundise abantwana babo,

6. khon' ukuze ziyazi izizukulwana ezizayo,ewe, nditsho nabangekalibon' ilanga.Bona ke bayigqithisele kubantwana babo,

7. ukwenzela ukuba bakholose ngoThixo,bangaze bayilibale imisebenzi yakhe,koko bayithobele imimiselo yakhe;

8. ewe, bona bangafuzi ooyise,isizukulwana esineenkani nesigwilikayo,abantu abantliziyo zibhetyebhetye,abangazange banyaniseka kuThixo.

9. AmaEfrayim axhoba ngeentolo,engĂ xhob' ef' amacala,kodwa aswantsula ngomhla wedabi.

10. Akawuthobelanga umnqophiso kaThixo,asuka ala ukuhamba ngokomthetho.

Iindumiso 78