25. Ewe, abantu batye ukutya kwezithunywa zezulu,baza batya bada bahlutha.
26. Wathumela umoya wasempuma wabhudla,ngamandla akhe wavusa umoya wasezantsi.
27. Wabathobela inyama,kwangathi sisivungu-vungu;inyambalala yeentaka ezingangentlabathi yolwandle
28. waziwisa apho babemise khona,ewe, zajikeleza iintente zabo.
29. Abantu batya bada bahlutha;kaloku wabanika loo nto babeyifuna.
30. Kanti ke bathe bengekadikwa,besaxakekile besatya njalo,
31. suka wavutha umsindo kuThixo,wababulala abona bomeleleyo,wabageqa abafana bakwaSirayeli.
32. Nakuba kunjalo baphikelela ukona,bangenelwa kukudelela, Ã bakholwa.
33. Waza ke wababhangisa okomphunga,imihla yabo yaphela lishwangusha.