8. Wena wagweba usemazulwini,ihlabathi latsho lakhwankqiswa.
9. Ngokuya wena wawisa isigwebosokusindisa abacinezelwa behlabathi.
10. Ngenene ngomsindo wakho uyadunyiswa;abasindileyo kuwo bayayaleka.
11. Zifezekiseni izithembiso zenu *kuNdikhoyo uThixo;abamngqongileyo mabezise izithabathababarhume kulowo ufanele ukoyikwa,
12. kulowo unqamla umoya wamatshawe,ewe, kumrhwaqelisi wezikumkani zehlabathi.