Iindumiso 76:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo uyaziwa kwaJuda;igama lakhe lidumile kwaSirayeli.

2. IseJerusalem indlu yakhe;ikhaya lakhe liseZiyon.

3. Wazikroboza iintolo namakhakha,amakrele nezikrweqe zemfazwe.

4. Kambe wena uyamangalisa ngokuqaqamba,ubalasele kuneentaba eziyokoyoko.

5. Amagorha uwahluthe amaxhoba;amajoni alala undolala,akabi nako ukuzisebenzisa izikrweqe.

6. Uthi nje wakukhalima, Thixo kaYakobi,amahashe nabawakhweleyo babe zizigede.

7. Awu, uyamangalisa kambe!Ngubani onokujongana nawewakuvutha umsindo wakho?

Iindumiso 76