5. Kaloku ithemba lam nguwe, Nkosi;ndakholosa ngawe ndisengumntwana, Ndikhoyo.
6. Ndaqamela ngawe kwasekuzalweni;ndakhutshwa nguwe kumama.Ndiya kukubonga njalo-njalo.
7. Ndisisimanga kwabaninzi,kodwa ke wena uyandikhusela.
8. Ndiswel' imilomo yokukubonga,ndikudumise maxa onke.
9. Ungandilahli ndakuguga;ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla.
10. Iintshaba zifakan' imilomo ngam;abandizungulayo bayacebisana.
11. Bathi: “Ulahliwe nguThixo.Masimsukele simgxagxamise.Akukho uya kumhlangula.”
12. Sondela kum, Thixo!Khawuleza undincede, Thixo wam!
13. Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.Ngamana baphoxeka bahlazekaabazungula ukundenzakalisa.