Iindumiso 71:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kaloku ithemba lam nguwe, Nkosi;ndakholosa ngawe ndisengumntwana, Ndikhoyo.

6. Ndaqamela ngawe kwasekuzalweni;ndakhutshwa nguwe kumama.Ndiya kukubonga njalo-njalo.

7. Ndisisimanga kwabaninzi,kodwa ke wena uyandikhusela.

8. Ndiswel' imilomo yokukubonga,ndikudumise maxa onke.

9. Ungandilahli ndakuguga;ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla.

10. Iintshaba zifakan' imilomo ngam;abandizungulayo bayacebisana.

11. Bathi: “Ulahliwe nguThixo.Masimsukele simgxagxamise.Akukho uya kumhlangula.”

12. Sondela kum, Thixo!Khawuleza undincede, Thixo wam!

13. Abandihlaselayo mabahlazeke babhubhe.Ngamana baphoxeka bahlazekaabazungula ukundenzakalisa.

Iindumiso 71