Iindumiso 69:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ke wena, Thixo wam, uyasazi isono sam;amatyala am' aselubala kuwe.

6. Awu, *Ndikhoyo, Thixo onamandla onke,mandingabahlazisi abo bakholosa ngawe;abakulangazelelayo mabangangcikivwangenxa yam, Thixo kaSirayeli.

7. Kaloku kungenxa yakho ndinyeliswa nje;ngoku sendintywil' ehlazweni.

8. Sendaba yintlanga kumawethu;ndingumhambi kwiinto zikabawo.

9. Ke kona ukuzondelela indlu yakho kundongamele;izithuko zabakunyelisayo ziphezu kwam.

10. Ndalila ezimathontsi, ndizila ukutya,kodwa naleyo yaba sisingcikivo.

11. Ndithi ndakunxiba ezirhwexayo zokuzilandisuke ndibe ngundaba-mlonyeni.

12. Bancokola ngam ezimbuthweni;sendide ndayingoma yamanxila.

13. Kambe ke, Ndikhoyo, mna ndiyakuthandaza.Ngeli xesha lifanelekileyo, Thixo,nangenxa yendyebo yezibele zothando lwakho,khawuncede undiphendule.Ngenxa yokuthembeka kwakho ndihlangule;naku sendizika eludakeni.

14. Ndisindise ezintshabeni zam;ndikhuphe emanzini anzongonzongo.

15. Ewe, mandingantywiliselwa ngumsinga;mandingarhaxwa kwisiziba esimnyama;mandingaginywa yinzonzobila.

Iindumiso 69