Iindumiso 69:19-36 Ibhayibhile (XHO96)

19. Uyayazi indlela endingcikivwa ngayo;uyazi ukuba andinto yanto, ndihlazekile;uyazazi zonke iintshaba zam.

20. Izinyeliso ziwaphule umoya wam;kungokunje ndivikivekile.Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!Nokuthuthuzelwa andakufumana.

21. Ndaweni yokutya ndanikwa ityhefu;endaweni yamanzi yaba yiviniga.

22. Mabenzakaliswe kwakukutya kwabo,amatheko abo abe ngumgibe kubo.

23. Mabamfanyekiswe bangaboni;umzimba wabo mawutyhutyhwe lidumbe.

24. Mabagutyungelwe yingqumbo yakho;mabatshiswe ngumsindo wakho.

25. Mawube linxuwa umzi wabo,makungahlali nabani kuwo,

26. kuba bayamtshutshisa ombethileyo,baphoxise ngaye omenzakalisileyo.

27. Bancine ngesona sohlwayo;mabaphoswe yinceba yakho.

28. Mabacinywe kwincwadi yoludwe lwabaphilayo,mabangadweliswa namalungisa.

29. Kambe ke ndiyajwaqeka yintlungu;ndonyule undisindise, Thixo.

30. Ndiya kumemelela ndibonge uThixo;ndiya kumncoma ndidomboze.

31. Lo ke wona umbulelo ubalasele;ungaphezulu kokubulela ngethole kuNdikhoyo,uyidlula lee inkunzi yenkomo.

32. Ke bona abahlelelekileyo baya kuvuya;abamlangazelelayo uThixo bokhuthazeka.

33. Kaloku uNdikhoyo uyabeva abahlelelekileyo;akabacekisi abakhe ababanjiweyo.

34. Dandulukani, mazulu nani hlabathi, nimbonge,nani zilwandle nako konke okushukumayo kuni!

35. Kuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon,aphinde azakhe izixeko zakwaJuda.Izicaka zakhe ziya kuba ngabemi bakhona,

36. izizukulwana zona zidle ilifa,bathi nabamthandayo bahlale khona.

Iindumiso 69