Iindumiso 68:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Abangenabani ubenzela izihlobo.Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

7. Ke wena, Thixo, wabakhokela abantu bakho;wanyantsula, wacanda entlango.

8. Umhlaba watsho wanyikima, yagalelek' imvula,ngokufika kukaThixo waseSinayi;ewe, nditsho uThixo wamaSirayeli.

9. Wena, Thixo, wathulula izandyondyo zemvula,walinyanga ilizwe lakho elibharhileyo.

10. Abantu bakho watsho bazuza umhlaba wokuma;ngenceba yakho wabazelelela abahlelelekileyo.

11. INkosi inika umyalelo,batsho babe baninzi abavakalisa iindaba.

Iindumiso 68