Iindumiso 68:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. UNdikhoyo weza ngeenqwelo ezimawaka-waka,ephuma eSinayi, esiza ebhotwe.

18. Wantinga, wanyukela phezulu,erhuqa umngcelele wabathinjwa,wamkela izipho ebantwini,ewe, nditsho nakwabamvukelayo,ukuze uNdikhoyo uThixo ahlale khona.

19. Yibongeni iNkosi!Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

20. UThixo wethu ungosindisayo;uMhlekazi uNdikhoyo uyasihlangula ekufeni.

21. Kodwa ke uThixo uya kuzintlekeza iintshaba zakhe,abo bathene nca nenkohlakalo.

22. INkosi yathi: “Ndiya kuzibuyisa eBhashan;ndiya kuzirhola enzonzobileni yolwandle;

Iindumiso 68