Iindumiso 65:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ufanelwe kukubongwa, Thixo, eZiyon,zifezekiswe kuwe izibhambathiso.

2. Wena uyawugqala umthandazo;bonke baya kuza kuwe.

3. Ngenxa yobugwenxa bethuiziphoso zethu ziyasongamela,kodwa wena uyasixolela.

4. Uthamsanqelekile omnyulayo wena.Lowo umhlalisa enkundleni yakwakho.Siya kufumana ukwanela endlwini yakho,apho kukho ubunewu-newu nobungcwele.

5. Ngemisebenzi yakho emangalisayouyasiphendula usikhulule.Thixo, wena uyinkululeko kuthi.Ihlabathi liphela lithembele ngawe,nditsho neelwandle jikelele.

6. Iintaba waziseka ngegunya lakho,zingumzobo wamandla akho.

7. Ungumthozamisi weelwandle ezilwayo,umthibazi wamaza alatyuzayo,umthomalalisi wezizwe ezixokozelayo.

Iindumiso 65