Iindumiso 59:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ndihlangule kubantu abagwenxa;ndisindise kwizikrelemnqa.

3. Uyabona bayandilalela.Izikhohlakali zidibana ngam,ndingonanga nokona, *Ndikhoyo.

4. Hayi, andenzanga nento le,kodwa nâbo bendiqulela.

5. Ndikhoyo, Thixo Somandla,wena Thixo kaSirayeli,phakama uze kundinceda!Vela undibone kaloku.Zivukele uzohlwaye iintlanga.Mabangasindi abaphembi boqhushululu.

6. Baphuma ngamarhatya,ngathi zizinja ezilambayo,benze umkhulungwane esixekweni.

7. Nâbo begragrama,iilwimi zabo ngathi likrele;bathi ngubani obakhathaleleyo.

Iindumiso 59