Iindumiso 55:5-15 Ibhayibhile (XHO96)

5. Andoyiki ndiyagubha!Ukunkwantya kuyandirhwaqelisa.

6. Ndide ndithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe!Bendiya kuntinga ndiye kuphumla kude lee.

7. Ewe, bendiya kubethwa ngumoya,ndihlale entlango.

8. Ndandiya kukhawuleza ndizifunele umqolomba,ndiyizimele kuyo imimoya ebhudlayo.”

9. Nqanda, Mhlekazi!Waphuthise amacebo abo!Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.

10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.

11. Ewe, siphuphuma intshabalalo;ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.

12. Kambe ke andingcikivwa lutshaba.Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,okanye bendingamphephayo.

13. Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,mhlobo wam osenyongweni.

14. Fudula sisidl' imbadu kunye;endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.

15. Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.

Iindumiso 55