1. Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.Zonakele, futhi zenza amasikizi;akukho ulungisayo kuzo.
2. Ke yena uThixo ubabukele abantu;uhlel' ezulwini efuna ukuqondaukuba ngaba sikho na isilumko,nditsho ofuna ukunqula uThixo.
3. Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.
4. Abanangqondo na abakhohlakeleyo,abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bengamnquli nokumnqula uThixo?
5. Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.