Iindumiso 51:3-14 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;isono sam sindithukuthezele.

4. Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,ndenze into ekuhlazisayo.Ngoko ke undigwebe ngakhona;isigwebo sakho sifanelekile.

5. Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.

6. Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;ndincede undiphe ingqiqo enzulu.

7. Ndihlambe undicokise ndicoceke;ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.

8. Mandiphuphume luvuyo nemincili;nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.

9. Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,ubususe bonke ubugwenxa bam.

10. Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

11. Musa ukundigxotha, Nkosi yam;ungamthathi uMoya wakho kum.

12. Ndibuyisele uvuyo losindiso lwakho,undixhase ngoMoya wakho, khon' ukuze ndikuthobele.

13. Ke, bona aboni ndiya kubafundisa imiyalelo yakho,baguquke, beze kuwe.

14. Awu, Thixo, ndihlangule ekufeni!Nguwe, Thixo, ondisindisayo.Ke mna ndiya kudanduluka,ndicule ngokulunga kwakho.

Iindumiso 51