2. Kuve ukukhala kwam, kumkani wam, Thixo wam,xa ndithandazayo kuwe.
3. Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.
4. Kaloku unguThixo ongadlelaniyo nobugwenxa;akukunyamezeli ukungcola phambi kwakho.
5. Akubanyamezeli abantw' abazingcayo;ubuthiye bonk' ubugqwirha.
6. Uyawatshabalalisa amaxoki; ewe, Ndikhoyo,abaxhaphi-gazi nabakhohlisi banezothe kuwe.
7. Ke mna ndiya kungena endlwini yakho,ngenxa yobubele bakho obuncamisileyo,ndikunqule endlwini yakho ekhethiweyo,ndikunqule ngembeko ndingcangcazela.