Iindumiso 44:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ngoncedo lwakho siyazingqula iintshaba zethu;ngegama lakho siyabaxovula abasihlaselayo.

6. Andixhomekekanga kolwam utolo,ndingaqamelanga ngalo nekrele.

7. Hayi, nguwe owasihlangulayo ezintshabeni zethu;ikwanguwe owabaduba-dubayo abasithiyileyo.

8. Thina siqhayisa ngoThixo njalo-njalo,saye siya kumdumisa nanini-nanini.

9. Kambe ke usilahle satsho sahlazeka,njengoko ungasaphumi nemikhosi yethu.

10. Wena usiyekele zasiswantsulisa iintshaba,zaza zathimba amaxhoba ngokuthanda kwazo.

11. Wena usiyekele saxhelwa njengeegusha;usithathe wasisarhaza phakathi kweentlanga.

12. Abantu bakho wabathengisa ngelize,wena akwafumana nzuzo ngabo.

Iindumiso 44