Iindumiso 42:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwanam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2. Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,nditsho wena Thixo ophilayo.Yaz'ba koda kube nini naukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?

3. Imini nobusuku ndiyinyhididi kukugixa.Ke zona izibhoxi zasoloko zindiphoxa zisithi:“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

4. Kambe ke ndithi ndakukhumbula manduloijijitheke intliziyo yam.Kaloku fudula ndiwukhokela loo mngceleleuya endlwini kaThixo.Ewe, sasingumkhosi wochulumachosonwabile, simemelela sidumisa.

Iindumiso 42