5. Menzeleni amadini alungileyo,nikholose ngaye uNdikhoyo.
6. Baninzi abalangazelela okulungileyo.Ndikhoyo, sikhangele ngobubele,
7. usiphe ukuchulumacha okudlula okwâbobakufumana ngomdliva wengqolowa newayini.
8. Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.