1. Ndiphendule ndakukhala kuwe,Thixo, mlondolozi wamalungelo am!Wandikhulula embandezelweni yam;yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.
2. Bantundini, koda kube nini na nindihlazisa?koda kube nini nithand' ilize, niphuthaphuth' ubuxoki?
3. Yazini ke ukuba *uNdikhoyo uyabathand' abantu bakhe;uyandiva xa ndizibika kuye.
4. Xa niqumbileyo, ze ningoni;loo nto yetyiseni nithe cwaka kwiimandlalo zenu.