Iindumiso 36:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.

7. Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.

8. Baxhamla intlutha yendlu yakho;ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.

9. Wena ulithende lobomi;ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.

10. Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,uwabonelele amalungisa.

11. Mandinganyhashwa ngeenyawo ngabanolunya,ndingantlithwa zizandla zabagwenxa.

12. Bawile daxa abantw' abagwenxa;bakhahlelwe phantsi, abavuka.

Iindumiso 36