8. Mabatshabalale ngequbuliso bengekaqondi,barhintyelwe nguloo mgibe bebendigcayisele ngawo,beyele kuwo, batshabalale.
9. Ndovuya ke, ndichulumache,kuba uNdikhoyo undihlangule.
10. Ndothi ngomxhelo wonke: “Akakho onjengawe, Ndikhoyo.”Wena uhlangula iindwayi kwabanamandla kunazo,ukhusele indwayinge kubacinezeli.
11. Kuvele amangqina athetha ulwimi ngam,andinkqangisa ngezinto endingazaziyo;
12. andibuyekeza ubuhle ngobubi,ndatsho ndaphelelwa lithemba.
13. Kodwa mna, okuya babegula, ndambatha ezirhwexayo,ndazicinezela nangokuzila ukutya, ndithandaza ngentobeko.
14. Ndangathi ndithandazela umhlobo wam nomntakwethu;ndathokombisa intloko ngokungathi ndizilela umama.
15. Ndithe ke ndakuba sengxakini,baqokelelana bandihleba,ndanyeliswa nazizinto endingazaziyo.
16. Bandenza intlekisa, bandingcungcuthekisa,bendijamela ngentiyokazi enkulu.
17. Koda kube nini na kodwa ubukele, Ndikhoyo?Nceda ndihlangule kwabandiqwengayo;busindise ubomi bam kwezi ngonyama.
18. Ndokubonga phakathi kwebandla,ndikuncome esidlangalaleni.
19. Mazingandivuyeleli ngobuxoki iintshaba zam,bangandisinekeli abo bandithiya ndingenatyala.
20. Bona abathethi ngemibandela yoxolo,koko bayila ubuxoki ngabathand' uxolo.
21. Bandivuyelela besithi: “Heke! Sikubhaqile!”
22. Ndikhoyo, nguwe ingqina lam, mus' ukuthi tu!Nkosi yam, mus' ukuchasela!
23. Lamla, Nkosi, ndiphendulele;Thixo wam, ndithethelele!
24. Ndikhoyo, Thixo olilungisa, ndigwebele;mazingandinyevuleli iintshaba zam.
25. Mazingandigcolotheli zithi: “Nantso ke!Simgqibile ngoku!”
26. Mabadane badideke abavuyiswa yinkxwaleko yam;mabadane baphoxeke abazikhukhumalisayo.
27. Makube yimincili kwabo bafuna ndigwetyelwe;mabamemelele bathi: “Makabongwe uNdikhoyo,yena ofuna impumelelo yesicaka sakhe.”
28. Ke mna ndovakalisa ukulunga kwakho,ndikubonge imini yonke.