13. makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;
14. makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.
15. Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo;
16. kodwa ubafulathele abenzi bobubi,abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.
17. Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.
18. UNdikhoyo ukufuphi nĂ¢bo badakumbileyo,ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.
19. Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;
20. uwagcina onke amathambo alo,kungaphuki nalinye kuwo.