4. Isandla sakho sindicinezele ubusuku nemini,ndaphelelwa ngamandla, ngathi ndigqatswe lilanga lehlobo.
5. Ndithe ke ndakusivuma kuwe isono sam,ndabuxela ubugwenxa bam, ndisithi:“Ndisixela kuwe, Ndikhoyo, isono sam;”wandixolela wena ityala lam.
6. Yiyo ke loo nto bazibikayo xa kunzima abo banyanisekileyo,kuba ukufika komsinga abayi kugutyungelwa.
7. Wena uyinqaba endizifihla kuyo;uyandikhusela xa ndisebunzimeni.Undirhangqe ngosindiso lwakho;ngoko ke ndimemelela ndinemincili.
8. Ndokwazisa indlela omawuhambe ngayo,utsho uNdikhoyo,ndikufundise, ndikujonge.
9. Mus' ukuba sisititsi, uxel' ihashe nembongolo,izintw' ezilawulwa ngomkhala ukuze zingadlokovi.
10. Bajongene neentsizi ezininzi abantw' abagwenxa,kodwa yena othembele kuNdikhoyo uphahlwe zizibele zakhe.
11. Vuyani, nina malungisa, nichwayite ngenxa kaNdikhoyo;nina bamthobelayo uNdikhoyo, chulumachani!