11. Ndiyintlekisa kwiintshaba zam,isigculelo kubamelwane bam.Abandaziyo bayandoyika, bandibaleke,xa badibana nam esitalatweni.
12. Sele ndalityalwa mpela;ndinjengomfi ongasakhunjulwayo;sendalahlwa kwesinomhlwa.
13. Ewe, ndiyivile intlebendwane yabanye;kuthe saa luloyiko macal' onke,lo gama bandenzela amayelenqe, beceba ukundibulala.
14. Kodwa ithemba lam likuwe, Ndikhoyo;ewe, unguThixo wam wena.
15. Imihla yam isesandleni sakho;ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.