10. Ziyandaluphaza iinkxwaleko zam,nemihla yam iphelela ekungcungcuthekeni.Ndiphelelwe ngamandla ngenxa yeentlupheko,namathambo am selegugile.
11. Ndiyintlekisa kwiintshaba zam,isigculelo kubamelwane bam.Abandaziyo bayandoyika, bandibaleke,xa badibana nam esitalatweni.
12. Sele ndalityalwa mpela;ndinjengomfi ongasakhunjulwayo;sendalahlwa kwesinomhlwa.
13. Ewe, ndiyivile intlebendwane yabanye;kuthe saa luloyiko macal' onke,lo gama bandenzela amayelenqe, beceba ukundibulala.
14. Kodwa ithemba lam likuwe, Ndikhoyo;ewe, unguThixo wam wena.
15. Imihla yam isesandleni sakho;ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.
16. Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.
17. Mandingadani konke, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;mabadane abantw' abagwenxa, banyoshoze baye kufa.
18. Watsho athi cwaka amaxoki,wona anyelisa amalungisa ngeentetho zolunya nendelelo.