Iindumiso 28:7-9 Ibhayibhile (XHO96)

7. NguNdikhoyo amandla am nekhaka lam;ndithembele ngaye ngomxhelo wam wonke.Ndoncedakala nditsho ndibe nemincili,ndimbonge ngengoma.

8. NguNdikhoyo obomelezayo abantu bakhe;nguye omkhuselayo nomsindisayo umthanjiswa wakhe.

9. Basindise abantu bakho, Ndikhoyo;lithamsanqelise ilifa lakho.Baluse, ubathwale ngoku kude kube nini-nini.

Iindumiso 28