Iindumiso 28:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. Live ilizwi lam xa ndizibika,xa izandla zam ndiziphakamisela kuwe ebhotwe.

3. Uzungandisingeli phantsi kunye nabantw' abagwenxa,abantw' abenza okungcolileyo,abathetha kamnandi nabamelwane, kanti bagush' ububi.

4. Babuyekeze ngokwemisebenzi yabo,ubohlwaye ngenxa yenkohlakalo yabo.Bavuze ngokwezintw' abazenzayo,bafumane loo nto ibafaneleyo.

5. Ngenxa yokuba bengayinanzi imisebenzi kaNdikhoyo,kwakunye nezintw' azenzileyo,yena wobabhubhisa baphele kuthi tu,bangaze babuye bavuke.

Iindumiso 28