Iindumiso 24:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,kuye kube chosi, kube hele,kuba nguThixo umkhululi wakhe.

6. Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo,abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.

7. Vulekani, masango;vulekani, minyango yakudala,angene uKumkani iNgangalala!

8. Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;nguNdikhoyo onamandla onk' edabini!

9. Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,angene uKumkani iNgangalala!

10. Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

Iindumiso 24