5. Uya kumthamsanqela uNdikhoyo,kuye kube chosi, kube hele,kuba nguThixo umkhululi wakhe.
6. Sinjalo ke isizukulwana sabo bamfunayo,abo bafuna ukubona uThixo kaYakobi.
7. Vulekani, masango;vulekani, minyango yakudala,angene uKumkani iNgangalala!
8. Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo igorha elinamandla onke;nguNdikhoyo onamandla onk' edabini!
9. Vulekani, masango; vulekani, minyango yakudala,angene uKumkani iNgangalala!
10. Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?NguNdikhoyo onamandla onke;nguye uKumkani, nguye iNgangalala.