Iindumiso 22:17-23 Ibhayibhile (XHO96)

17. ngoko ke amathambo am aphandle.Ke zona iintshaba zam zibukele.

18. Babelana ngeengubo zam;benzelan' amaqashiso ngesambatho sam.

19. Ke wena, Ndikhoyo, mus' ukuba kude nam;Mkhululi wam, khawuleza undincede!

20. Ndihlangule ekreleni,undisindise kwezi zinja.

21. Ndihlangule emlonyeni wengonyama;ndisindise kulo mngcipheko ndikuwo.

22. Ndowabalisela amawethu ngezint' ozenzileyo,ndikubonge ebandleni, ndithi:

23. “Mbongen' uNdikhoyo, nina bamhlonelayo;mdumiseni nonke, nina bonyana bakaYakobi;mhloneleni nonke, nina nzala kaSirayeli!

Iindumiso 22