8. umtwabululi wamafu afihl' isibhakabhaka,nguye owabela umhlaba imvula,ulontshulis' ingca ezintabeni,
9. umondli wezilwanyana ngokutya kwazo,umfunzeli wamathol' ehlungulu azibikayo.
10. Yena akakuhoye nganto ukukhalipha kwehashe,engabukhathalele nobungwanyalala bezitho zendoda,