Iindumiso 139:17-24 Ibhayibhile (XHO96)

17. Hayi bo, zintsonkothile kambeiingcamango zakho, Thixo wam!Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!

18. Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;noba bendingazigqibayo, andikabi phi.Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.

19. Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;izijama-nkungwini mazisuke kum,

20. abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.

21. Ewe, ndibathiyile abakuthiyileyo, Ndikhoyo;kum banezothe abakuchasayo.

22. Ngenene ndibathiyile mpela;ndibathatha njengeentshaba zam.

23. Ndibhenela kuwe, Thixo wam:khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;ndivavanye uziqonde iingcamango zam!

24. Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

Iindumiso 139