Iindumiso 135:11-17 Ibhayibhile (XHO96)

11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

14. Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,avelane nazo izicaka zakhe.

15. Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.

16. Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;banawo namehlo, kodwa ababoni.

17. Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;baziziduli ezingenawo nomphefumlo.

Iindumiso 135