1. *Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;ndikhala kuwe ndibindekile.
2. Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,usiphulaphule isikhungo sam.
3. Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,ngubani obengasindayo?
4. Kambe ke wena uyaxolela,khon' ukuze uhlonitshwe.
5. Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.
6. Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,ngaphezu komlindi ojonge ukusa,nangaphezu komantshingilane ojong' umsobomvu.
7. Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.