Iindumiso 119:78-89 Ibhayibhile (XHO96)

78. Zona izibhoja mazihlazeke,kuba zindirhintyela ngobuqili;ke mna ndocamngca ngemimiselo yakho.

79. Mabeze kum bonke abakuthobelayo,abo bayiqondayo imfundiso yakho.

80. Mandingabi nabala kwimithetho yakho,khon' ukuze ndingahlazeki.

81. *Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise!Ithemba lam lilizwi lakho.

82. Amehlo amnyama kukujong' enkalweni;yaz'ba uya kundithuthuzela nini na?

83. Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini;kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho.

84. Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho?Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo?

85. Abanekratshi bayandithiyela,abo bangawuthobeliyo umyalelo wakho.

86. Imiqathango yakho ithembekile;nceda, nĂ¢bo bendibhijela ngobuxoki.

87. Sebephantse bandicim' igama,kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho.

88. Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye,ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho.

89. *Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade;lithe zinzi emazulwini.

Iindumiso 119