7. Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.
8. Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho;awu, nceda ungandilahli kuphele.
9. Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?Ngokuthobela ilizwi lakho.
10. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.
11. Ndihamba ngokomlomo wakho,khon' ukuze ndingoni.
12. Awu! Bayethe, *Mhlekazi!Khawundifundise imithetho yakho.
13. Mna ndiya kuzibhengeza zonke izigqibo zakho.
14. Kum ziluyolo izithethe zakho;zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.
15. Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho,ndizinyamekele iindlela zakho.
16. Ndiyayithakazelela imithetho yakho;soze ndilityeshele ilizwi lakho.
17. Ndazelele, mna sicaka sakho,ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho.
18. Nceda undivule amehlo,ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho.
19. Ndilundwendwe apha emhlabeni;ndicacisele imiqathango yakho.
20. Umoya wam uhlala wonganyelwekukulangazelela isigwebo sakho.
21. Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo;baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho.
22. Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo,kuba ndiyayithobela imfundiso yakho.
23. Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla,mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho.
24. Kambe ke andiziva ngezithethe zakho,kuba ziyintonga yam yasekhosi.