49. Ungalilibali idinga lakho kwisicaka sakho.Andithi kaloku wandithembisa!
50. Nasebunzimeni ndiyathuthuzeleka,kuba isithembiso sakho siyandihlaziya.
51. Abangakhathalele Thixo baphoxisa ngam;kambe ke mna andihexi emyalelweni wakho.
52. Ndakukhumbula izimiso zakho zantlandlolo,nditsho ndithuthuzeleke, *Ndikhoyo.
53. Ndikhathazeka gqitha ndakubona abanxaxhayo,abo bangawukhathalelanga umyalelo wakho.
54. Imithetho yakho yingoma yam;ndimemelela ngayo xa ndikwelasemzini.