107. *Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo;ndihlaziye ngokwedinga lakho.
108. Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam,undazise izigqibo zakho.
109. Ubomi bam buhlala busesichengeni,kodwa andishenxi kumyalelo wakho.
110. Abakhohlakeleyo bayandithiyela,kodwa andiphambuki kwimimiselo yakho.
111. Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;ewe, iluyolo entliziyweni.
112. Ndizimisel' ukuyenza imithetho yakho;ewe, ndoyithobela kude kube sekupheleni.
113. Ndibathiyile abantu abambaxa,kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho.
114. Wena ulikhaka nekhusi lam;ndiqamele ngelizwi lakho.
115. Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo,ndithobele imiqathango yoThixo wam.
116. Ndixhase ngokwesithembiso sakho,khon' ukuze ndibudle ubomi;mandingadani kukufadalala kwethemba lam.
117. Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde,ndihlale ndinonelele imithetho yakho.
118. Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho;kona ukundweba kwabo ngamampunge.