Iindumiso 119:101-109 Ibhayibhile (XHO96)

101. Ndiyazicezela iindlela ezinengozi,kuba ndithobela ilizwi lakho.

102. Andiphambuki kwisigwebo sakho,njengoko wandifundisayo.

103. Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka;ewe, ziyolile kunobusi.

104. Imfundiso yakho indivul' ingqondo,ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa.

105. Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;liyandikhanyisela eluhambeni.

106. Ndizibophelele ngesifungo;ndiya kusithobela isigwebo sakho.

107. *Ndikhoyo, ndixhwaleke ngokungathethekiyo;ndihlaziye ngokwedinga lakho.

108. Ndikhoyo, wamkele umbulelo wam,undazise izigqibo zakho.

109. Ubomi bam buhlala busesichengeni,kodwa andishenxi kumyalelo wakho.

Iindumiso 119