1. Huntshu-u-u! Sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”*UNdikhoyo ndiya kumbonga ndiphelelise;ewe, ndiya kumbonga ndikunye namalungisa ebandleni lakhe.
2. Ewe, mikhulu kambe imisebenzi kaNdikhoyo;abayilangazelelayo bayayiphicotha bayiqondisise.
3. Imisebenzi yakhe inesidima nobungangamsha;ubulungisa bakhe buhlala buhleli.
4. Yena uyasikhumbuza imisebenzi yakhe;uNdikhoyo unobubele enesisa.
5. Uyabondla abo bamthobelayo;yena akawulibali umnqophiso wakhe.
6. Abantu bakhe ubabonisile amandla akhengokubabèla ilifa leentlanga.
7. Ewe, imisebenzi yakhe mihle, inyanisekile;umntu angaqamela ngemimiselo kaNdikhoyo.
8. Ke yona iya kuhlala ihleli;yamiselwa ngentembeko nokunyaniseka.