2. Ulawulo lwakho uNdikhoyo woluqalisa eZiyon.Ke wena zilawule iintshaba zakho.
3. Amatshawe akho ozincama engaqhutywa,evethe eziyokoyoko zoloyiso,mhla wagagana notshaba lwakho.Kusasa ngejekejeke lobuthelana okombethe ulutsha.
4. UNdikhoyo akayi kujika, kuba wafunga wathi:“Wena ungumbingeleli wodidi lukaMelkizedekioya kuhlala ehleli.”
5. Ke yona iNkosi ingakuwe;mhla yacaphuka iya kuzibhangisa izikumkani.
6. Iya kuzingenela ngomgwebo izizwe,zitsho ziqungquluze izidumbu zabantu;ewe, iya kuzivikiva iziphathamandla jikelele.
7. Ukumkani uya kusela ecaleni kwendlela;ngako ke aqingqe ethwel' indwe.