27. ize inzala yab' ayichitha-chithe phakathi kweentlanga,ibe ziintsalu apho kumazw' asemzini.
28. Basuka bazibandakanya nabanquli bakaBhali wasePehore,batya nokutya kwamadini *ezithixo.
29. Bamcaphukisa uNdikhoyo ngezenzo zabo,kwabakho ubhubhani wesifo phakathi kwabo.
30. Waphakama wabangxengxezela uPineyasi,saza sathomalala isibetho eso.
31. Ngale nto ke wabalelwa kumalungisa,wahlala ekhunjulwa izizukulwana ngezizukulwana.