38. Avuya amaJiputa akumka amaSirayeli;kaloku ayeselewoyika.
39. Wabasitha ngelif' emini abantu bakhe,wabakhanyisela ngesithatha somlil' ebusuku.
40. Bakucel' ukutya kwavel' izagwityi,wabanik' isonka esivel' ezulwini, bahlutha.
41. Wavul' iliwa, ampompoza amanzi,kwavel' imisinga, yacand' enkangala.