11. Kungangokuba kude kwesibhakabhaka emhlabeniukubalasela kwezibele zakhe kwabamhlonelayo;
12. ulogxoth' izono zithi qelele kuthinjengempumalanga nentshonalanga.
13. Bufana nomzali kubantwanaububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.
14. Kaloku uyasazi into esiyiyo;uyaqonda ukuba siluthuli.
15. Yen' okokwakhe umntu uyafana nje nengca:uyakhula, achume okwentyatyambo.
16. Suka uvuthuze won' umoya,iphephethek' intyatyambo,ingab' ibekho kuloo ndaw' ibikad' ikuyo.
17. Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
18. kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhenabathobela imithetho yakhe.