Iindumiso 102:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. Imihla yam ithe shwaka okomsi;ndiyathuthunjelwa ziingqaqambo.

4. Ndixusheke ndada ndalityéba;senditsho ndaphelelwa nangumdla wokutya.

5. Ndiyagcuma kukugula;andibhitye nditsho ndangamathambo.

6. Ndifana nesikhova enkangala;ndinjengesihulu-hulu senxiwa.

7. Ndilal' obentaka kukumana ndiphuthelwa;ndifana nentak' ehleli yodwa exhantini.

8. Ziyandigxibha yonk' imini iintshaba zam;ziphoxisa ngam, ziqalekisana ngegama lam.

9. Ndinesingqala, ukutya akuvumi kuhla;intw' endiyiselayo seliziinyembezi zam.

10. Loo ntw' ibangwa yingqumbo nomsindo wakho;kaloku wena undifunqule wandilahla kwesinomhlwa.

11. Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.

12. Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.

Iindumiso 102