4. Andiyi kungathembeki;andiyi kusondela ebubini.
5. Ndomlumkela umnt' onentlebendwane,ndingalinyamezeli ikratsha negumasholo.
6. Ndobamkela abahlonela uThixo kwibhotwe lam,amagosa am abe ngabantw' abathembekileyo.
7. Akukho mkhohlisi uya kuba semzini wam,naxoki liya kuhlala apho ndikhoyo.
8. Ndowatshabalalisa rhoqo onke amatshijolo elizweni,ndibagxoth' abantw' abagwenxa emzini kaNdikhoyo.