Iindumiso 10:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yini na, *Ndikhoyo? Wachasela?Kutheni? Wazifihla ngexesha longxunguphalo?

2. Abantw' abagwenxa banolunya;bayabaleqa ababuthathaka.Mabarhintyelwe kwangaloo mayelenqe abo.

3. Bayazidla ngaloo magugwana abo,bazicengezele konempumelelo,bamdele uNdikhoyo.

4. Libathe lwale ikratshi abantw' abagwenxa;bade bazikhohlise ngokuthi: “Akukho Thixo ngandawo!”

5. Zinempumelelo zonk' iinzame zabo,kodwa imiyalelo yakho ikude lee kubo.Bayazeya zonke iintshaba zabo.

6. Baziqhayisa ngokuthi abasoze boyiswe nto bona,abasoze balibone ishwangusha.

Iindumiso 10