Eyonqulo 8:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2-3. “Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”

4. UMosis wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo, waza wenjenje ukuthetha ebhekisa kwelo bandla elalithe nqwadalala ekungeneni kwesibingelelo:

5. “Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”

6. UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi.

7. Unxibe uAron ihempe, wamthi wambu ngomnweba, wamfaka umxwayo, waza wamfaka *isidanga, wasiqhobosha esinqeni ngebhanti esontwe ngobunono.

20-21. Wayihlahla loo gusha, waza wahlamba izibilini nemilenze. Intloko yona, kunye namanqatha, kunye nayo yonke loo nyama, wazitshisa apho eqongeni, kanye njengoko kwatsho uNdikhoyo. Eli lidini elitshiswayo, idini elenzelwa uNdikhoyo ngomlilo. Ivumba lalo liyolile kuNdikhoyo.

Eyonqulo 8