4. izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo.
5. Onke loo manqatha umbingeleli makawatshise enzele ngawo *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo. Eli ke lidini lokwenza intlawulo.
6. Nayiphi na indoda ephuma kumlibo wababingeleli ingayitya loo nyama. Kodwa kufuneka ityelwe kulaa ndawo ikhethekileyo, kuba kwayona ikhethekile.
7. Inye inkqubo ephathelele kumadini esono nakumadini entlawulo. Loo nyama iba yeyombingeleli owenza idini.
8. Kwanalo ufele lwento yedini elitshiswayo luba lolwaloo mbingeleli wenza idini.
9. Wonke umnikelo wento eziinkozo ebhakiweyo okanye eyenziwe ngepani, okanye egcadiweyo, uba ngowombingeleli lowo ubewunikela.
10. Umnikelo wokutya, nokuba uxutywe namafutha, nokuba womile, woba ngowababingeleli bebonke, yaye ke mabahlulelane ngako ngokulinganayo.
11. Nantsi inkqubo ephathelele kumadini obudlelane enzelwa *uNdikhoyo:
12. Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.
13. Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele.